KUQHUSHUMBE IBOMB E-MANCHESTER ARENA

Siphosethu Matebese

Ngomhla we23 kwinyanga kaCanzibe, kwilizwe jikelele kuvukwe kuviwa iindaba ezimbi ezibuhlungu zokuba kuqhushumbe ibomb eManchester Arena izolo ebusuku. Oku kwenzeka ngelixa kukho ishow eyenzekayo yosaziwayo wasemculweni eMelika uAriana Grande phezolo.

set.jpg
UGrande uyazisola ngento eyenzekileyo phezolo ebonakala kumaphepha-ndaba ecela uxolo ngesisehlo. Abanye oosaziwayo abafana nooMiley Cyrus bazama ukududuza uGrande bemxelela ukuba isehlo saseManchester Arena asiyo ngxaki yakhe. Abanye abantu abaziwayo ababhalileyo beveze uvelwano lwabo kunye nabantu baseMelika ngooVincent Kompany kunye nooSergi Aguero abadlali beqembu iManchester City ese-Etihad.
Kuvakala ukuba kukho umntwana omncinci oneminyaka esibhozo naye ophulukene nobonmi bakhe ngenxa yesisehlo kwakunye nomfana oneminyaka engama-26 uJohn Atkinson. Bebonke abantu abaye ababinalo ithamsanqa lokusinda okwangoku babe ngama-22 kwaza kwalimala abangama-120. Kuvakala ukuba i-Islamic State terror group sele ithathe isithylolo sesisehlo.

sethu

Advertisements

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out / Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out / Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out / Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out / Change )

Connecting to %s